Ithi yakuthetha kuthi mandithi tu.
Ithi yakugushuza kunga ndingama nkqi.
Ithi yakuvuka kuthi kuthi mandizole.
Uloyiso lwayo luvuyo engqondweni,
De igazi liwutyhutyhe ngobuchule umzimba,
Ngelo xesha, intliziyo ijongile; ibukele ukondleka kwamehlo.
Ithi yakuthetha, kuthi mandihlabele elandincamisayo,
Ithi yakugushuza kunga ndingachul’ ukunyathela,
Ithi yakuvuka kuthi mawufe fi umbono,
Ibe zizihlunu kuphela ezinokuphefumla,
Imisipha izel’ ubom,
Ngeloxesha, umanyano liluqilima.
Ithi yakufuna, kunga ndingaba lisela.
Ithi yakungafumani, kunga ndingaphambana.
Happy read!
No comments:
Post a Comment